Skip to main content

Department of Cultural Affairs & Sport

WCG logo

Umphathiswa Wemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, U- Anroux Marais Ikhwelo Elisesikweni Lokungenisa Amagama Abatyunjwa Beembasa Zemicimbi Yenkcubeko

Molweni nonke, good day, goeie dag

Kuluvuyo kakhulu kum namhlanje ukufumana ithuba lokuba ndilihlabe ngokusesikweni ikhwelo lokutyumba abantu abafanele ukuwongwa ngeeMbasa zeMicimbi yeNkcubeko 2016/17.

Kula maxesha okuba sigutyungelwe yimeko yoqhankqalazo, iyantlukwano ngenkcubeko neendaba ezingemnandi jikelele,  ukubhiyozela impumelelo yethu kwezenkcubeko makube sisixhobo sobunye nokuhlonelana. Kungesi sizathu ke singakwazi nje ukuzibamba yimincili ngenxa yomxholo ka-2016/17 othi, Masizamkele iiNkcubeko eziNtlantlo-ninzi.

Iindlela esikhule nesiphila ngazo ekuhlaleni, iinkolelo zethu, amasiko nezithethe zethu, iilwimi zethu zemveli kunye nobume bethu kwezoqoqosho ziimpawu eziphambili ezisenza sibe ngabahluke ngokukodwa kwabanye. Ubuntu bethu busenza sahluke kwabanye abantu kodwa sinanto ithile isidibanisayo. Unyamezelwano kuthi yeyona nto kufanele sihlale siyikhumbula ngoba ngumsonto osihlanganisayo.

Amalungiselelo alo msitho wonikezelo lweembasa kanti nomsitho lo aza kwenza ukuba abatyunjwa, iindwendwe ezihloniphekileyo, amahlakani entsebenziswano nabaxhasi kunye nabalandeli beendaba kumakhasi onxibelelwano bazingce ngembali yabo, amasiko nezithethe kunye nelifa lemveli leelwimi zabo. Le indlela iza kukhuthaza, iphucule nangakumbi ubudlelane phakathi koluntu, abantu baza kukhuthazeka ekwakheni iNtshona Koloni entlalo intle, ebandakanya wonke ubani ingacaluli, enganqeniyo ukusungula izinto nekhutheleyo.

La mabhaso alithuba lokubonisa ngokuzingca ukutyeba kweNtshona Koloni kambe ngokwahluka koluntu ngokwenkcubeko. Thina singabantu ababonakala ngenkcubeko yabo noxa nje isahluka ngokwabantu ngabantu; iyinto ebaluleke kakhulu ngokuba ililifa lethu lemveli elihamba ngokwesizukulwana ngesizukulwana. Ibingayi kuba namtsalane kanje iNtshona Koloni xa ngaba ibingenabo aba bantu ngabantu bahlukene ngokweenkcubeko zabo noxa bebanye, yaye ngenxa yeso sizathu siyabhiyoza sithi huntshu! kwabo bayibambileyo. ISebe leMicimbi yeNkcubeko neMidlalo likhuthaza wonke ubani ukuba angayiyeki imizamo yenkululeko nokwakha idemokhrasi oko ekwenza ngokubhiyoza maxa onke iNtshona Koloni inempumelelo kwezobugcisa, inkcubeko, iilwimi, ilifa lemveli, amaziko olondolozo lwembali, amaziko olondolozo lweenkcukacha ezibalulekileyo, amagama eengingqi namathala eencwadi. Umcimbi wonikezo lwaMabhaso eMicimbi yeNkcubeko lithuba lokuba abantu beNtshona Koloni babone ukuba iitalente zikho kwiindawo zabo ngokwenkcubeko yendawo nganye. Abatyujiweyo kufanele ukuba ibe ngabantu abanesiphiwo sokuhlanganisa abantu nokukhuthaza unyamezelwano ukuze samkelane yaye sibukane, sahlukile sinjalo ngokwenkcubeko. Ngale ndlela sinika abantu baseNtshona Koloni ithuba lokuba bakhangele iitalente kwiindawo zabo ngokwenkcubeko yeendawo ezo.

Ndiyababongoza bonke abakhoyo apha namhlanje ukuba balihlabe ikhwelo, bawuhambise umlomo uye kufikelela ebantwini phaya ekuhlaleni, ukuba batyumbe abafanelwe kukuwongwa ngeembasa kula macandelo alandelayo:

 

 1.         Igalelo  kuBugcisa bezinto ezibonakalayo, ezibandakanya ezoluntu

2.         Igalelo   kubuGcisa baseQongeni:

4.         Igalelo   kubuGcisa boNcwadi (kubandakanya isihobe, iprozi, umdlalo

5.         Igalelo   kuMsebenzi weZandla/ okanye woYilo

7.         Igalelo   kuKhuthazo lwezeNkcubeko

8.         Igalelo   lomntu okhubazekileyo kwezoBugcisa

Ulwimi

1.         Imbasa yokuKhuthaza ukuSetyenziswa kweeLwimi eziNinzi iNeville Alexander.

2.         Igalelo elibalaseleyo  kwiNkuthazo yoLwimi lweZandla loMzantsi Afrika okanye kusetyenziso lweelwimi ezazisengelwa phantsi zeNtshona Koloni

3.         Igalelo   kuPhuhliso lweeLwimi

ILifa leMveli

1.         Iprojekthi ebalaseleyo yezeLifa leMveli

2.         Olona Vavanyo lwempembelelo yezeLifa leMveli okanye iNgxelo yezeLifa leMveli

3.         Elona Qumrhu loLondolozo, Volontiya okanye Masipala ugqwesileyo

Amagama eengingqi

Igalelo   kuGunyaziso okanye kuLwaziso loLuntu ngaMgama eeNgingqi 

Amaziko oLondolozo lwembali

1.         Elona Ziko loLondolozo lweMbali libalaseleyo eNtshona Koloni

2.         Eyona Projekthi iNtsha yeZiko loLondolozo lweMbali ebalaseleyo

3.         Elona Volontiya leZiko loLondolozo lweMbali lizinikeleyo

4.         Elona galelo kuLondolozo lweLifa leMveli lendawo

AmaThala eeNcwadi

1.         Elona Thala leeNcwadi loLuntu libalaseleyo: iiNkonzo zaBantwana

2.         Elona Thala leeNcwadi loLuntu libalaseleyo: iiNkonzo zoLutsha

3.         Elona Thala leeNcwadi loLuntu liNcinci libalaseleyo (1 umsebenzi ukuya kwaba-3)

4.         Elona Thala leeNcwadi loLuntu liPhakathi libalaseleyo (4 abasebenzi ukuya kwaba-8

5.         Elona Thala leeNcwadi loLuntu likhulu libalaseleyo (abasebenzi abali-9+)

ULondolozo lweeNkcukacha eziBalulekileyo

1.         Iwonga lokubalasela ngeNkxaso yoLondolozo lweeNkcukacha eziBalulekileyo

2.         Oyena mntu unempembelelo kuLawulo lweeRekhodi

3.         Inkokeli esakhulayo kuLawulo lweeNkcukacha ezibalulekileyo neeRekhodi

4.         Oyena ube negalelo kuLondolozo lweeNkcukacha eziBalulekileyo zeLifa leMveli

IiMbasa eziKhethekileyo zikaMphathiswa

1.         IMpumelelo eBalaseleyo kumaBhinqa akwiinkalo zobuGcisa neNkcubeko, uLwimi, iLifa leMveli, amaGama eeNgingqi, amaZiko oLondolozo lweMbali, amaThala eeNcwadi okanye uLondolozo lweeNkcukacha eziBalulekileyo

2.         Impumelelo eBalaseleyo yoLutsha kwiiNkalo zobuGcisa neNkcubeko, uLwimi, iLifa leMveli, amaGama eNgiqngi, amaZiko oLondolozo lweMbali okanye uLondolozo lweeNkcubeko eziBalulekileyo

3.         IMpumelelo yeXesha elide kwiiNkalo zobuGcisa neNkcubeko, uLwimi, iLifa leMveli, amaGama eNgiqngi, amaZiko oLondolozo lweMbali okanye uLondolozo lweeNkcukacha eziBlaulekileyo

4.         Igalelo kwiSizwe nakwiHlabathi kwiiNkalo zobuGcisa neNkcubeko, uLwimi amaGama eNgingqi, amaZiko oLondolozo lweMbali, amaThala eeNcwadi okanye uLondolozo lweeNkcukach eziBalulekileyo

Ifom zotyumbo zifumaneka kule webhusayithi: https://www.westerncape.gov.za/cas

Ndiyathemba ke ukuba amagama abatyunjwa aza kusukelana ukungena ngoba kungaba asenzi kakuhle xa singenakuyibhiyozela impumelelo engqinekayo kumacandelo ezoBugcisa neNkcubeko.

Imibuzo yoonondaba:

Stacy McLean Isithethi sikaMphathiswa u-Anroux Marais I-imeyili: Stacy.McLean@westerncape.gov.za Umnxeba: 021 483 4426 Iselula: 083 504 1171

 

Speech Giver
Speech Location
Cape Town
Minister of Cultural Affairs and Sport